Izafobe 11:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

3. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

4. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

5. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.

6. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

Izafobe 11