Izafobe 10:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.

8. Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

9. Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

10. Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.

11. Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

12. Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

13. Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.

14. Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.

15. Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.

16. Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.

17. Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

18. Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

19. Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

20. Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.

21. Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.

Izafobe 10