13. size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.
14. Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”
15. Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.
16. Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;bayakhawuleza ukuphalaza igazi.
17. Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intakaxa isibona isabatha eso,
18. kodwa bona balalela elabo igazi;ewe, bazonda owabo umphefumlo.
19. Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa:ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.
20. Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni;kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.
21. Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni;ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:
22. “Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni?Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa?Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?