Isityhilelo 9:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngelo xesha abantu boba bekufuna ukufa, kube kona ukufa kungafumaneki. Bokunqwenela ukufa, kodwa kona kubaphambe.

7. Ezo nkumbi zazikhangeleka ngathi ngumkhosi wamahashe uxhabashele emfazweni. Entloko zazitsho ngezinto ezazingathi zizithsaba zegolide, zinobuso obufana nobomntu.

8. Zazitsho ngeenwele ezinde, zinamazinyo afana nawengonyama.

9. Zazifake izikhuselo-sifuba ezingathi zezentsimbi. Isandi sokurhatshaza kwamaphiko azo sasivakala ngathi sisandi seenqwelo zamahashe zisinga edabini.

10. Imisila yazo yayifana neyoonomadudwane, inolwamvila. Babusemsileni apho ubuhlungu bokuthuthumbisa abantu iinyanga ezintlanu.

11. Inkosi yazo yayisisithunywa sasenzonzobileni. Igama layo lalinguAbhadon ngesiHebhere, uApoliyon ngesiGrike.

Isityhilelo 9