1. Emva koko isithunywa sesihlanu salivuthela ixilongo laso. Ndabona inkwenkwezi eyayiwe emhlabeni, inikwa isitshixo somwonyo oya enzonzobileni.
2. Yawuvula umwonyo wenzonzobila. Kwaphuma umsi kuwo, owawungathi uvela kwizikokazi lomlilo. Loo msi walisitha ilanga nomoya.
3. Kwavela iinkumbi, ziphuma kuloo msi, zeza emhlabeni. Zazinolwamvila olufana nolukanomadudwane.
4. Zaziyalelwe ukuba ze zingayichukumisi ingca, naso nasiphi na isityalo okanye umthi. Zazithunyelwe kubantu ababengaphawulwanga ngophawu lukaThixo ebunzi.
5. Zazithunyelwe ukubathuthumbisa iinyanga ezintlanu ngobuhlungu obufana nolwamvila lukanomadudwane, kodwa zingabulali.
6. Ngelo xesha abantu boba bekufuna ukufa, kube kona ukufa kungafumaneki. Bokunqwenela ukufa, kodwa kona kubaphambe.
7. Ezo nkumbi zazikhangeleka ngathi ngumkhosi wamahashe uxhabashele emfazweni. Entloko zazitsho ngezinto ezazingathi zizithsaba zegolide, zinobuso obufana nobomntu.
8. Zazitsho ngeenwele ezinde, zinamazinyo afana nawengonyama.
9. Zazifake izikhuselo-sifuba ezingathi zezentsimbi. Isandi sokurhatshaza kwamaphiko azo sasivakala ngathi sisandi seenqwelo zamahashe zisinga edabini.