3. Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na.
4. Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.
5. Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
6. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
7. “Bhalela ummeli webandla laseFiladelfiya, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uyingcwele, ungowenene, uphethe izitshixo zakwaDavide; lowo uthi akuvula kungavali bani, athi akuvala kungavuli mntu.
8. Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela.