17. Uzingca ngokuba usisityebi, umi kakuhle. Uthi awuswele nto. Enyanisweni nakuba ungaqondi nje ungowokusizelwa, impula kalujaca, kuba ulihlwempu, imfama, uzé.
18. Ngoko ke ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide enyityilikiswe ngomlilo yacwenga, ukuze ube sisityebi. Ngokunjalo thenga neempahla ezimhlophe, ukuze ubufihle ubuze bakho. Thenga nentambiso, uqabe amehlo akho, khon' ukuze ubone.
19. Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.