Isityhilelo 22:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.

16. “Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.”

17. UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza”Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!”Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.

18. Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi.

19. Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.

20. Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

21. Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

Isityhilelo 22