12. “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
13. Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”
14. Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni.
15. Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.
16. “Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.”
17. UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza”Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!”Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.
18. Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi.