6. Kambe ke nantsi indawo ekuthethelelayo: Imikhwa yamaNikolawo uyithiyile kanye njengam.
7. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”
8. “Bhalela ummeli webandla laseSmirna, uthi: ‘Nanga amazwi alowo ungowokuqala ukwangowokugqibela, owayefile wabuya wavuka:
9. Ndiyayazi indlela ebenicinezeleke ngayo, nihlwempuzekile. Kodwa nizizityebi phezu koko. Ndiyayazi indlela ebenenyeliswa ngayo ngabo bazenza amaJuda – baligquba likaSathana!
10. Nize ningayoyiki intshutshiso ezayo. Abanye benu umtyholi uza kubaphosa entolongweni, enivavanya. Nophatheka nzima iintsuku ezilishumi. Nize ninyaniseke kude kuse ekufeni. Ndonithwesa imbasa yobomi.
11. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo akanako ukwenziwa nto kukufa kwesibini. ’ ”