Isityhilelo 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Bhalela ummeli webandla lase-Efese, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, ujikeleza phakathi kwezibane ezisixhenxe zegolide.

2. Ndiyayazi indlela obusebenza ngayo ubulaleka, unenyameko. Ndiyazi ukuba akubanyamezeli abantu abakhohlakeleyo. Ubavavanyile abo babesithi *bangabathunywa bengengabo, wabafumanisa bengamaxoki.

3. Ubunzima ubuthwele ngenyameko ngenxa yam, akoyiswa.

4. Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni.

5. Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso.

6. Kambe ke nantsi indawo ekuthethelelayo: Imikhwa yamaNikolawo uyithiyile kanye njengam.

7. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”

Isityhilelo 2