9. “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo.
10. Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!’
11. “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo.
12. Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile;
13. iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi.
14. Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’