1. Esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe seza kum, sathi: “Yiza, ndiza kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elimi phezu kwemilambo.
2. Kaloku izikumkani zehlabathi zirheletya nalo. Ewe, ihlabathi liphela lithe thwanga kukurheletya nalo.”
3. Ke kaloku ndaba semandleni kaMoya, saza isithunywa eso sandisa entlango. Apho ke ndabona umfazi ekhwele phezu kwerhamncwa elibomvu elalinemibhalo emanyumnyezi. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
4. Umfazi lowo wayevathe ezimfusa nezibomvu, eyokozela ngamaso egolide, intsimbi, namatye exabiso. Ngesandla wayephethe indebe yegolide eyayizele uluchwe lokungcola nokurheletya kwakhe.
5. Ebunzi kwakubhalwe igama elingaziwa mntu: “UBhabheli, unina wamahenyukazi, nazo zonke iintlondi zehlabathi.”
6. Lo mfazi ndambonayo wayenxile ligazi losapho lukaThixo, ngokunjalo negazi labo babengqina ngoYesu.Ndithe ndakumbona ndamangaliswa, kodwa isithunywa eso sabuza sathi: