1. Ndeva kudanduluka ilizwi kwindawo engcwele, lisithi izithunywa ezisixhenxe maziye kuzichitha ehlabathini izitya ezisixhenxe zengqumbo kaThixo.
2. Sanduluka isithunywa sokuqala, sasichitha ehlabathini isitya saso. Abo babenophawu lwerhamncwa, nabo babenqula umfanekiso walo, baphuma izilonda ezibi neziqaqambayo.
3. Esesibini isithunywa sasichithela elwandle isitya saso. Amanzi ajika afana negazi lomntu ofileyo. Kwafa zonke izinambuzane eziphila elwandle.