6. Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.
7. Kwabakho idabi ezulwini. UMikayeli nezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo.
8. Kodwa loyiswa, laza laphelelwa yindawo ezulwini.
9. Ke igongqongqo – inyoka endala eyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabeni kunye nezithunywa zalo.