Isityhilelo 12:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni. Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo.

5. Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe, owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga. Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe.

6. Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.

7. Kwabakho idabi ezulwini. UMikayeli nezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo.

8. Kodwa loyiswa, laza laphelelwa yindawo ezulwini.

9. Ke igongqongqo – inyoka endala eyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabeni kunye nezithunywa zalo.

10. Kuvakele ilizwi lidanduluka livela ezulwini lisithi: “Luthwasile ngoku uloyiso negunya nolawulo lukaThixo wethu. Lithwasile ngoku igunya lomthanjiswa wakhe uKrestu. Kaloku umtyholi lo wayesoloko ewamangalela ubusuku nemini amawethu phambi kukaThixo wethu, ukhutshelwe ngaphandle ezulwini.”

11. Bamoyisile ngamandla edini leXhwane nangenyaniso kaThixo ebebekade beyingqinela, bengoyiki ukububeka esichengeni ubomi babo.

12. Memelelani ke ngoko, mazulu kwakunye nabo bahlala khona! Kodwa, hayi ishwangusha elisemhlabeni naselwandle! Kaloku umtyholi uze kuzo egragrama ngumsindo, kuba uyazi ukuba selephelelwe lixesha.

13. Lithe igongqongqo lakuqonda ukuba lilahlelwe emhlabeni, laphuthuma kulaa mfazi wayezele umntwana oyinkwenkwe.

Isityhilelo 12