Isityhilelo 12:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwavela umqondiso ocacileyo esibhakabhakeni – umfazi wayambethe ilanga, inyanga isezinyaweni zakhe, nesithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini simthe jize intloko.

2. Wayekhulelwe, ekhala ziintlungu zokubeleka.

3. Kuvele omnye umqondiso esibhakabhakeni. Kuthe gqi igongqongqo elibomvu krwe. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi; linezithsaba ezisixhenxe kwezo ntloko.

4. Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni. Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo.

5. Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe, owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga. Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe.

6. Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.

7. Kwabakho idabi ezulwini. UMikayeli nezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo.

Isityhilelo 12