Isityhilelo 11:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga,

17. esithi:“Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla,wena Ndikhoyo owayekho kakade,kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!

18. Izizwe zagragrama;ke yona imini yempindezelo ifikile,abafileyo baza kugwetywa.*Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela,usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo.Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”

19. Yasuka yavuleka *indlu kaThixo esezulwini. Yatsho yabonakala ityesi yomnqophiso. Ngokunjalo ke kwabakho nezabhokwe zemibane, intswahla, ukugqekreza kweendudumo, nonyikimo-mhlaba, kunye nemvula yesichotho.

Isityhilelo 11