Isityhilelo 11:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.”

16. Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga,

17. esithi:“Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla,wena Ndikhoyo owayekho kakade,kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!

18. Izizwe zagragrama;ke yona imini yempindezelo ifikile,abafileyo baza kugwetywa.*Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela,usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo.Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”

19. Yasuka yavuleka *indlu kaThixo esezulwini. Yatsho yabonakala ityesi yomnqophiso. Ngokunjalo ke kwabakho nezabhokwe zemibane, intswahla, ukugqekreza kweendudumo, nonyikimo-mhlaba, kunye nemvula yesichotho.

Isityhilelo 11