Isityhilelo 10:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kwakhona ilizwi elaliphuma ezulwini ndaliva lisithi kum: “Yiya uyithathe incwadi leyo ivulekileyo iphethwe sisithunywa esingxabalazele phezu kolwandle nomhlaba.”

9. Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”

10. Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa.

11. Ndaxelelwa kwathiwa: “Kwakhona kufuneka uvakalise udaba lukaThixo olumayela nezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, iilwimi, nezikumkani.”

Isityhilelo 10