Isityhilelo 10:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Sakhwaza ngelizwi elingathi ngumgqumo wengonyama.

4. Emva kwaloo mkhwazo kwaphendula izithonga ezisixhenxe zendudumo. Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Into ethethwa ziindudumo musa ukuyibhala, ilihlebo.”

5. Isithunywa eso besingxabalazile ndasibona sisiphakamisela ezulwini isandla saso sokunene.

6. Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile!

7. Liya kuthi lakufika ithuba lokuba isithunywa sesixhenxe sikhalise ixilongo laso, icebo elingaziwa mntu likaThixo lifezekiswe, kanye njengoko wayethembisile kwizicaka zakhe ezazivakalisa udaba.”

8. Kwakhona ilizwi elaliphuma ezulwini ndaliva lisithi kum: “Yiya uyithathe incwadi leyo ivulekileyo iphethwe sisithunywa esingxabalazele phezu kolwandle nomhlaba.”

9. Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”

10. Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa.

Isityhilelo 10