Isityhilelo 10:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Esandleni sasiphethe incwadana, ivuliwe. Sasingxabalazile, unyawo lokunene lumi elwandle, olwasekhohlo lusemhlabeni.

3. Sakhwaza ngelizwi elingathi ngumgqumo wengonyama.

4. Emva kwaloo mkhwazo kwaphendula izithonga ezisixhenxe zendudumo. Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Into ethethwa ziindudumo musa ukuyibhala, ilihlebo.”

5. Isithunywa eso besingxabalazile ndasibona sisiphakamisela ezulwini isandla saso sokunene.

6. Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile!

Isityhilelo 10