Iinkokheli 5:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. ETanaki ngakwintlambo yeMegido,ookumkani bahlangana khona bangquzulana;ewe, izikumkani zamaKanana zalwa,kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.

20. Iinkwenkwezi esibhakabhakeni, zona zihamba ngendlela yazo,nazo zahlasela, zisilwa noSisera.

21. Ke zona iimpuphuma zeKishon zabakhukulisa;ewe, iKishon umlambo wakudala.Phambili, yomelela, mphefumlo wam!

22. Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!

23. Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!Mabambathwe lilishwa abemi bayo!Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;abancedisanga bawadudule amagorha.”

24. Uthamsanqelekile ke yena uJayeli, umfazi kaHebhere umKeni.Yena yimaz' ehlal' ezintenteni.Hay' ithamsanqa lakho, mfazindini!

Iinkokheli 5