Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.