15. Ngaloo mini akhupha amashumi amabini anesithandathu amajoni kuzo zonke izixeko zawo. Ngaphezu koko abemi baseGibheya bakhupha amajoni akhethiweyo angamakhulu asixhenxe,
16. onke engamanxele. La manxele onke ayeziincutshe zokusawula *ngenkwitshi atsho khona.
17. Amajoni amaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, ayengamakhulu amane amawaka, onke engoompondo-zihlanjiwe.
18. Ke amaSirayeli aya eBhetele, aza abuza kuThixo athi: “Yiyiphi na indlu emayiqale ukuhlasela uBhenjamin?”*UNdikhoyo ke wathi: “Mayibe nguJuda.”
19. Anduluka ke amaSirayeli ngentsasa elandelayo, aya kumisa ngaseGibheya.
20. Aphuma amajoni amaSirayeli, esiya kulwa namaBhenjamin, akha uhlelo phambi kweGibheya.
21. Wacombuluka ke umkhosi wamaBhenjamin, waphuma apho esixekweni, waza ngaloo mini wageqa amashumi amabini anambini amawaka amajoni amaSirayeli.
22. Kambe ke ngengomso amaSirayeli omelezana; aphinda amajoni awo awamisa kwangalaa ndlela ayewamise ngayo ngezolo.
23. Kaloku amaSirayeli ayeye kuzibika kuNdikhoyo, alila iinyembezi kwada kwahlwa. Abuzisa kuye kwakhona, athi: “Ngaba masiye na ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Yiyani nilwe nawo.”