Iinkokheli 2:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngenxa yaloo nto ke igama laloo ndawo kuthiwa yiBhokim. Khona apho uNdikhoyo amenzela amadini amaSirayeli.

6. Ke kaloku uYoshuwa amaSirayeli wawandulula. Indlu nganye yaya kuthatha esayo isabelo somhlaba esililifa layo.

7. Ngalo lonke ixesha esadla ubomi uYoshuwa, amaSirayeli ambusa amnqula *uNdikhoyo. Nasekufeni kwakhe aqhubela phambili amnqula lo gama esaphila amadoda amakhulu awayeyibone ngamehlo imimangaliso awayeyenzele amaSirayeli uNdikhoyo.

8. UYoshuwa, unyana kaNune, isicaka sikaNdikhoyo, wabhubha xa enekhulu elineshumi leminyaka ezelwe.

9. Wangcwatywa kumhlaba olilifa lakhe eTimnata-heres kweleentaba kwaEfrayim, ngasentla kwentaba iGahashe.

10. Sakuba sitshonile sonke eso sizukulwana, kwavela sizukulwana simbi, singamaziyo uNdikhoyo, ngokunjalo naloo misebenzi yakhe wayeyenzela amaSirayeli.

11. Ke amaSirayeli amona *uNdikhoyo ngokunqula ooBhali,

Iinkokheli 2