3. Ngoko ke ndiyanazisa ukuba andiyi kuzigxotha ezi zizwe. Zona ke ziya kuba ngumgibe kuni, nirhintyelwe yindlela ezinqula ngayo *oothixo bazo.”
4. Sakuthetha la mazwi ke isithunywa sikaNdikhoyo, onke amaSirayeli asitsho isikhalo.
5. Ngenxa yaloo nto ke igama laloo ndawo kuthiwa yiBhokim. Khona apho uNdikhoyo amenzela amadini amaSirayeli.
6. Ke kaloku uYoshuwa amaSirayeli wawandulula. Indlu nganye yaya kuthatha esayo isabelo somhlaba esililifa layo.
7. Ngalo lonke ixesha esadla ubomi uYoshuwa, amaSirayeli ambusa amnqula *uNdikhoyo. Nasekufeni kwakhe aqhubela phambili amnqula lo gama esaphila amadoda amakhulu awayeyibone ngamehlo imimangaliso awayeyenzele amaSirayeli uNdikhoyo.
8. UYoshuwa, unyana kaNune, isicaka sikaNdikhoyo, wabhubha xa enekhulu elineshumi leminyaka ezelwe.
9. Wangcwatywa kumhlaba olilifa lakhe eTimnata-heres kweleentaba kwaEfrayim, ngasentla kwentaba iGahashe.
10. Sakuba sitshonile sonke eso sizukulwana, kwavela sizukulwana simbi, singamaziyo uNdikhoyo, ngokunjalo naloo misebenzi yakhe wayeyenzela amaSirayeli.
11. Ke amaSirayeli amona *uNdikhoyo ngokunqula ooBhali,
12. asuka amfulathela uNdikhoyo, uThixo wooyise-mkhulu, uThixo owawakhupha kwelaseJiputa. Asuka abusa *thixo bambi kwizithixo zabantu ababewangqingile. UNdikhoyo amcaphukisa ngokusuka akhahlele abuse ezo zithixo.
13. Amfulathela uNdikhoyo, asuka akhonza ooBhali nooAshtarte.
14. Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, amaSirayeli wawayekela ngeentshaba, zawahlasela ziwaphanga. Wazivulela macala onke, zawongamela, ada akaba nako ukuzikhusela.