13. Ukumkani wama-Amon waziphendula izigidimi zikaJefta, wathi: “Ngokuya amaSirayeli ayevela eJiputa athatha umhlaba wam, ukusuka kumlambo iAnoni, ukuya kwiJabhoki, kuye kuqhina ngeJordan. Wubuyiseni ke ngoku ngaphandle kokuxambulisana.”
14. UJefta ke wathumela kwaizigidimi, ephendula ukumkani wama-Amon,
15. esithi: “UJefta uthi: ‘Hayi, uyaphazama; uSirayeli zange athathe mhlaba wamaMowabhi namhlaba wama-Amon.
16. Nantsi into eyenzekayo: AmaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa, anqumla intlango, aya kutsho kuLwandle oluBomvu, agaleleka eKadeshe.
17. Athumela izigidimi kukumkani wase-Edom, ecela ukuba awavumele acande emhlabeni wakhe. Kodwa ke yena zange awavumele. Kwakhona athumela kukumkani waseMowabhi, acela ukuba awavumele anqumle emhlabeni wakhe, kodwa naye zange avume. Ngoko ke amaSirayeli ahlala apho eKadeshe.