Ngenene ke uJefta wagoduka nawo amadoda amakhulu aseGiliyadi, baza ke abantu bakhona bammisela waba yintloko nenjengele yabo. Ke uJefta wayivakalisa imiqathango yokuvumelana kwabo eMizpa phambi koNdikhoyo.