Iinkokheli 10:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.

9. Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.

10. AmaSirayeli ke ada azibika kuNdikhoyo, athi: “Sikonile; sisuke sakufulathela, wena Thixo wethu, sanqula ooBhali.”

11. UNdikhoyo wawaphendula wenjenje: “Nangaphambili koku amaJiputa, ama-Amori, ama-Amon, amaFilistiya,

12. amaSidon, ama-Amaleki, namaMawoni, anicinezela, naza nazibika kum. Andithi na kanene ndanihlangula kuwo?

13. Nakuba kunjalo naphinda nandishiya, nakhonza thixo bambi; ngoko ke ngoku unakanye ukuba ndiphinde ndinihlangule.

14. Hambani niye kuzibika kwabo thixo nizikhethela bona. Mabanihlangule kaloku nakungena ezingxakini.”

15. AmaSirayeli ke athi kuNdikhoyo: “Siyasivuma isono sethu. Yenza kuthi ngokubona kwakho; kambe ke nceda usihlangule namhlanje.”

16. Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.

17. Ke ama-Amon axhobela imfazwe, aza ahlanganisana eGiliyadi. Ke wona amaSirayeli ahlanganisana aza emisa eMizpa.

18. Ke kaloku amadoda amakhulu aseGiliyadi afakana imilomo esithi: “Ngaba ngubani oza kusikhokela silwe nala ma-Amon? Lowo uya kuba yintloko yethu sonke apha eGiliyadi.”

Iinkokheli 10