4. Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.
5. UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.
6. Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.
7. Ngoko ke wavutha ngumsindo uNdikhoyo, amaSirayeli wawayekela oyiswa ngamaFilistiya nama-Amon.
8. Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.
9. Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.
10. AmaSirayeli ke ada azibika kuNdikhoyo, athi: “Sikonile; sisuke sakufulathela, wena Thixo wethu, sanqula ooBhali.”
11. UNdikhoyo wawaphendula wenjenje: “Nangaphambili koku amaJiputa, ama-Amori, ama-Amon, amaFilistiya,
12. amaSidon, ama-Amaleki, namaMawoni, anicinezela, naza nazibika kum. Andithi na kanene ndanihlangula kuwo?