2. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amabini nantathu. Akusweleka wangcwatyelwa eShamire.
3. Emva koTola kwalandela uJayire waseGiliyadi. Wayeyinkokheli kwaSirayeli amashumi amabini anambini eminyaka.
4. Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.
5. UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.
6. Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.
7. Ngoko ke wavutha ngumsindo uNdikhoyo, amaSirayeli wawayekela oyiswa ngamaFilistiya nama-Amon.
8. Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.