Iindumiso 99:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. UNdikhoyo yingangalala eZiyon;ngumlawuli wazo zonk' iintlanga.

3. Malidunyiswe ngumntu wonk' igama lakhe elindilekileyo!Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.

4. Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.

5. Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.Kaloku yena unobungangamsha.

6. UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;uSamweli yayingomnye wababemnqula;bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.

7. Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.

8. Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,kodwa ukwangoyohlwayayo intw' embi.

Iindumiso 99