Iindumiso 98:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mombelelen' ingoma entsha *uNdikhoyo,kuba unenzele izinto ezintle.Kaloku woyisile ngamandla akhe nangegunya lakhe.

2. UNdikhoyo ulutyhilile usindiso lwakhe,wabuveza ezintlangeni ubulungisa bakhe.

3. Wasigcina isithembiso sakhe kumaSirayeli.Uthe ngcembe ngezibele nangentembeko;lwabonwa ngumntu wonk' ehlabathini uloyiso lukaThixo wethu.

4. Mombeleleni ngemihlali uNdikhoyo, nonke hlabathi!Dandulukani, nimemelele, nivum' imibongo!

5. Mbongeni uNdikhoyo ngesandi sengoma yehapu;mbethelen' uncuthu lwengoma ngehapu.

6. Bethan' amaxilongo, kukhal' isigodlo,nenz' intshol' emnandi phambi koNdikhoyo ukumkani.

7. Gquma, wena lwandle, nako konk' okukuwe;nawe hlabathi, hlabel' ingoma!

8. Bethan' izandla, milambo;nani zinduli, mombelelen' uNdikhoyo!

Iindumiso 98