Iindumiso 97:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal' ehlabathini;uyingqonyela yazo zonke izithixo.

10. Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.

11. Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.

12. Gcobani nonke malungisa,nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.

Iindumiso 97