1. Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula;malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani!
2. Ugqubuthele ngentshinyela yelifu,nesithokothoko sobumnyama simsithile;ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa.
3. Kulephuz' umlilo ngaphambi kwakhe,uzitshise macal' onke iintshaba zakhe.