Iindumiso 97:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula;malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani!

2. Ugqubuthele ngentshinyela yelifu,nesithokothoko sobumnyama simsithile;ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa.

3. Kulephuz' umlilo ngaphambi kwakhe,uzitshise macal' onke iintshaba zakhe.

4. Imibane yakhe imenyezela kutsho kukhany' ehlabathini;batsho bangcangcazele kukoyika bakuyibon' abemi balo.

5. Zitsho zinyibilik' iintaba phambi koNdikhoyo, zixel' umthwebeba;nditheth' ingangalala yehlabathi liphela.

6. Sibonakalis' ubulungisa bakhe isibhakabhaka,ze zonk' iintlanga ziluqond' udumo lwakhe.

7. Bahlala bedana bonk' abanqula imifanekiso;nditshw' abo baqhayisa ngemifanekiso eqingqiweyo;kuba zonk' *izithixo zikhahlela kuNdikhoyo.

8. Beva, bavuya abantu baseZiyon,nezixeko zakwaJuda zachwayita,ngenxa yezigqibo zakho, Thixo.

9. Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal' ehlabathini;uyingqonyela yazo zonke izithixo.

10. Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.

11. Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.

12. Gcobani nonke malungisa,nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.

Iindumiso 97