13. Umnika inzolo ngemihla yobubi,lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.
14. Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;akasoze ayilahle indlu yakhe.
15. Kobakho ubulungisa ezinkundleni,abulandele onke amalungisa.
16. Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?Yoba ngubani na ongakum?
17. Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,ngesele ndikwantsonga-nyawana.
18. Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.
19. Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.
20. Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.
21. Bayalihlanganyela ilungisa bona,bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.
22. Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;yinqaba endizimela ngayo.
23. UNdikhoyo wobohlwaya ngenxa yenkohlakalo yabo,batshabalalele kobo bugwenxa babo;wobabhangisa kuphele tu uThixo.