Iindumiso 94:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. Lo ulawula zonk' iintlanga nithi akanakuzohlwaya?Lo ufundise abantu nithi akazi nto?

11. Ulogocagoca iingcinga zabantu,uyazi ukuba zibubuvuvu nje bodwa.

12. Unoyolo lowo uyalwa nguwe, Ndikhoyo;nditsho ofundiswa nguwe umyalelo wakho.

13. Umnika inzolo ngemihla yobubi,lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.

14. Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;akasoze ayilahle indlu yakhe.

15. Kobakho ubulungisa ezinkundleni,abulandele onke amalungisa.

16. Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?Yoba ngubani na ongakum?

17. Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,ngesele ndikwantsonga-nyawana.

18. Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

19. Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

20. Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.

21. Bayalihlanganyela ilungisa bona,bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.

22. Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;yinqaba endizimela ngayo.

23. UNdikhoyo wobohlwaya ngenxa yenkohlakalo yabo,batshabalalele kobo bugwenxa babo;wobabhangisa kuphele tu uThixo.

Iindumiso 94