1. *Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi,wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise.
2. Lamla, wena mgwebi woluntu;babuyekeze kwangezitya zabo abantw' abazingcayo!
3. Koda kube nini na, Ndikhoyo,koda kube nini kakade esivuyelela amatshijolo?
4. Koda kube nini eqhayisa;koda kube nini ezidla ngokungcola kwawo?
5. Ayababulala abantu bakho, Ndikhoyo;ayawucinezela umzi wakho amatshijolo.
6. abandezele abahlolokazi neenkedama,abulale nabantu basemzini.
7. Ade athi: “Akaboni nto uNdikhoyo;akaqondi konke uThixo kaYakobi.”