Iindumiso 93:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Isihlalo sakho, Ndikhoyo,sasekwa kwantlandlolo;wena wawukho kwanini-nini.

3. Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,ivakalisa isandi sayo;iyavakala imigqumo yayo.

4. UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;unamandla kunamaza alephuzayo,nangaphezu kwamaza agqumayo.

5. Imiqondiso yakho ayiguquki, Ndikhoyo;iyingcwele ngenene indlu yakho, Ndikhoyo,kuya kuda kube nini-nini.

Iindumiso 93