1. Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,izizukulwana ngezizukulwana.
2. Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.
3. Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”
4. Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,lona liyafana nemini yezolo,lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
5. Uphephetheka njengephepha umntu;uphela okobuthongo, abune njengengca,
6. yona iba luhlaza kusasa,ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.
7. Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,uyasigqiba umsindo wakho.
8. Izono zethu zaziwa nguwe,nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.