Iindumiso 89:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,ngubani oyingangamsha njengawe?Ngeendlela zonke uthembekile!

9. Iilwandle ezinzongo-nzongo zilawulwa nguwe;wena uyawazolisa amaza agugumayo.

10. Wena wasinyhasha isilo esikhulu saselwandle;ngaloo mandla akho wazisarhaza iintshaba zakho.

11. Amazulu ngokunjalo nehlabathi lelakho;ihlabathi nako konke okukulo kwasekwa nguwe.

12. Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.

13. Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.

14. Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.

Iindumiso 89