Iindumiso 89:20-38 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.

21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.

22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.

23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.

24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.

25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.

26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’

27. Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.

28. Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;umnqophiso wam naye soze utshitshe.

29. Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.

30. “Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,

31. ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,asayithobela imithetho yam,

32. ndisohlwaye ngoswazi,ndibakatse ngenxa yesono sabo.

33. Kambe ke soze ndipheze ukumthanda,ingasoze inxaxhe intembeko yam.

34. Soze ndiwutshitshise umnqophiso wam,lingasoze liwe phantsi ilizwi endalithethayo.

35. Ewe, kaloku ndafunga ubungcwele bam,ngoko ke soze ndimxokise uDavide.

36. Indlu yakhe soze ithini nanini-nanini;ulawulo lwakhe luqiniseke njengelanga.

37. Soze luthini, lunjengenyangayona ilingqina elithembekileyo elisesibhakabhakeni.”

38. Phi ke, ngoku umlahlile nje,wanengcwangu ngakumthanjiswa wakho?

Iindumiso 89