Iindumiso 89:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. LikuNdikhoyo ikhaka lethu;ukumkani wethu uvela koyiNgcwele kaSirayeli.

19. Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.

20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.

21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.

22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.

23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.

24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.

25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.

26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’

Iindumiso 89