Iindumiso 88:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngaba imimangaliso yakho yaziwa enzonzobileni na?Okanye usindiso lwakho lusebenza kwelokulibala na?

13. Hayi bo! Ndikhoyo, ndibhenela kuwe;ntsasa zonke ndizibika kuwe.

14. Awu, Ndikhoyo, ngani ukuba undilahle?Ngani ukuba undifulathele?

15. Ndaxhwaleka ndasemngciphekweni kwandisemtsha;ndiyangcungcutheka, andisento yanto.

16. Ingqumbo yakho iyandigubungela;ewe, izithonga zakho zindicim' igama,

17. zindirhawula njengamanzi imini yonke,zindigubungela ngeenxa zonke.

18. Undihluthe izihlobo nezizalwane zam;ngoku sendihlobene nobumnyama kuphela.

Iindumiso 88