1. Emini ndibhenela kuwe, *Ndikhoyo, Msindisi wam;nasebusuku ndizibika kuwe, Thixo wam.
2. Mawuvakale umthandazo wam kuwe;ndive xa ndikhala kuwe, Thixo wam.
3. Kuba ndiphahlwe ziinkxwaleko;sendimi phezu kwengcwaba.
4. Ewe, sendibalelwa kubafi;akusekho yam kwaphela.
5. Sendinikelwe kwabafileyo;sendifana nowoselweyo othe gangalala engcwabeni.Ndinjengâbo ungasabakhumbuliyo,abo bangasenakuncedakala.
6. Undithe tywa kwelimnyama ingcwaba,ezantsi emathunjini omhlaba.