Iindumiso 86:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4. Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5. Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6. Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;khawundivele, ndiyakubongoza.

7. Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,kuba wena uyavelana nam.

8. Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9. Zonke izizwe owazidalayoziya kukhahlela kuwe, Nkosi,zibonga zibabaza igama lakho.

10. Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;ewe, nguwe wedwa uThixo.

11. Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;ndikunqule ndingankwalambisi.

12. Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13. kuba ziyandimangalisa izibele zakho;undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

14. Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;zona azikukhathalele nganto.

15. Kambe ke wena, Nkosi,unguThixo onenceba nesisa.Wena ucaphuka kade,uphuphuma uthando nokunyaniseka.

Iindumiso 86