Iindumiso 83:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kaloku bona bathetha nto-nye,bevana ngawe ngegobe.

6. Nditsho amaEdom namaIshmayeli,amaMowabhi kunye namaHagare,

7. amaGebhali, ama-Amoni, nama-Amaleki,amaFilistiya nabemi baseTire.

8. Angenelele nama-Asiriya,bebonke bancedisana nenzala kaLothe.

9. Khawubafumanise esamaMidiyanngomhla kaSisera noJabhin entlanjeni iKishon,

10. abatshabalela e-Endore,banyhashwa batsho bangumgquba.

11. Iinjengele zabo zifanise no-Orebhe noZebhe;amatshawe abo wanyhashe njengoZebha noZalmuna.

12. Kaloku bona bafuna ukuwohluthaumhlaba wabantu olibango likaThixo.

13. Thixo wam, baphephethe njengothuli,babe njengomququ ophetshethwa ngumoya.

Iindumiso 83