12. Kaloku bona bafuna ukuwohluthaumhlaba wabantu olibango likaThixo.
13. Thixo wam, baphephethe njengothuli,babe njengomququ ophetshethwa ngumoya.
14. Mabatshayelwe okwehlathi lilenywa ngumlilo,okweentaba zibhuqwa ngumlilo.
15. Ewe, yiba sisitshu emva kwabo,barhwaqelise ngesaqhwithi.
16. Mabambatshe bade banyoshoze,ukuze badane bakulangazelele, *Ndikhoyo.
17. Baswantsulise, bahlale bengcungcutheka;ewe, mabafele ehlazweni.
18. Mabavume ukuba nguwe wedwa onguNdikhoyo,uPhezukonke obhijel' ihlabathi jikelele.